Ulawulo lolwazi
ISebe lezoQhagamshelwano
IMIBUZO EBUZWA RHOQO: ULAWULO LOLWAZI
Yintoni uLawulo loLwazi?
ULawulo loLwazi yindlela yoqeqesho exubileyo evumela ukuba imibutho iphucule indlela edala, eyamkela, emisa ngayo emthethweni, ephangalalisa, egcina kwaye esebenzisa ngayo ulwazi ukuze iphumelele kwiinjongo zayo ngokukhawuleza kunye nangokusebenza okungaphaya
Loluphi uncedo olungundoqo loLawulo loLwazi?
Ukuphumeza komButho iinjongo zawo ngokukhawuleza kunye nangokusebenzayo, kuphucula
Ukuveliswa,
Ukusebenza,
Ukungenisa izinto ezintsha,
Ukhuphiswano.
Uncedo lwabantu abanomdla kwinto eyenziwayo luquka:
Ishishini elinyusa ungeniselo;
Urhulumente onyusa ukwenziwa komsebenzi;
Inzululwazi yenyusa ukungenisa izinto ezintsha;
Abasebenzi abanolwazi benyusa ukukhula ngokobuqu kunye nenkuthazo.
Ngokwenza oko kusenyusa uqoqosho, kusehlisa ubuhlwempu kwaye kusenyusa ingqesho.
Ingaba uLawulo loLwazi yinto enokulungiswa ngokukhawuleza?
ULawulo loLwazi iya kuba yinto eqhubekayo kwaye asiyiyo into enokulungiswa ngokukhawuleza. Kwilizwe lonke. Amanyathelo okuqala ayamkelwa kwaye akusekho kukhetha. ULawulo loLwazi yindlela yekamva.
Lunxulumana njani uLawulo loLwazi kwiXesha loLwazi?
Ikompyutha yobuqu, i-Internet kunye nokuqhubela phambili okukhawulezayo kwetheknoloji ngoku okwenzekayo kwilizwe lonke ingakumbi eMelika, kukhokelele kwinto ekuthiwa rhoqo xa ibizwa liXesha loLwazi (Information Age) kodwa ngokunyukayo ebonwa ngathi linyathelo lotshintsho elibhekisele kwiXesha loLwazi. Njengoko uluntu lusuka kwiXesha lamaShishini (Industrial Age) lisiya kuloo nto kuthiwa liXesha loLwazi, kumgangatho we-macro, uLawulo loLwazi luphuhle lwaya kuma kumgangatho we-macro ukwenzela ukuphatha utshintsho.
Ingaba uLawulo loLwazi lutsha?
Imithetho-siseko yoLawulo loLwazi ayikho ntsha, njengoko kubonisiwe lulwazi oluphuhliswe kwangoko ngumntu (ukusetyenziswa komlilo, isinyithi kunye nobhedu, umzekelo) ludluliswa ukusuka kwesinye isizukulwana lusiya kwesinye isizukulwana kwaye luyanaba. Indlela emisiweyo yokuphathwa kolwazi njengesibonelelo ngummandla omtsha kwaye osaphuhlayo, nangona, njengeziphumo zotshintsho lwarhoqo kulwazi kunye nakwiitheknoloji zoqhagamshelwano ngokunjalo nokuxatyiswa okukhulayo kwexabiso lolwazi njengesibonelelo sobuchule esincedayo.
ULWAZI sisibonelelo okungenani esixabiseke njengesibonelelo semveli umhlaba, umsebenzi okanye inkunzi. Ukulawula imfuno, ukunika kunye nokuhamba kolwazi iya isiba yeyona nto yobuchule ilungileyo yemibutho, kwaye inokuphunyezwa ngokusebenzayo usebenzisa uLawulo loLwazi.
Nangona i-information technology (IT) ingumncedi woLawulo loLwazi, i-IT yindlela yokufundisa enye phezu kwezingama-60 equkwe luLawulo loLwazi, kuqukwa neZibonelelo zabaSebenzi, uLwazi ngomntu njengesidalwa kunye neNzululwazi ngengqondo. ULawulo loLwazi lumalunga nabantu kunye nenkcubeko njengoko lumalunga ne-IT.
Ingaba uLawulo loLwazi yitheknoloji okanye kukusetyenziswa?
ULawulo loLwazi ayiyotheknoloji nje okanye kukusetyenziswa nje, kodwa yinkqubo kunye neseti yeetheknoloji zonke ezixhasa ubuchule bokwabelana ngenkumbulo yeziko ukuvumela ukungena kwezinto ezintsha.
ULawulo loLwazi lunxulumana kanjani nabantu?
i-KM imalunga nabantu becinga ngokuba bangazilawula kanjani na bona, njengoko kuchasene nenkqubo yolawulo yoozilwakhe.
Ukutshintsha indlela izinto ezazisenziwa ngayo ngaphambili, kufuna utshintsho engqondweni okanye inkcubeko yokusebenza kuleyo esekelwe ekuthembeleni kunye nasekuthembeni.
Ukwabelana ngolwazi kuyakwenza ukuba isitafu kumbutho sisebenzise ulwazi olukhoyo kunokusebenzisa oludala, kusandiswa ulwazi.
Oku kuyakwenyusa ukusetyenziswa okwaneleyo kwexesha, njengokuvelisa, kunye nokungeniswa kwezinto ezintsha, ezikukuveliswa kolwazi olutsha.
Ingaba uLawulo loLwazi lunxulumana kanjani nobuchule bombutho?
Enye imbonakalo ephakathi ye-KM kukubaluleka kokudibanisa ngokusondeleleneyo kobuchule boLawulo loLwazi kunye nobuchule beshishini lombutho obuvumela ukuba umbutho uphuhlise ukhuphiswano olunokubakhona kwaye oku kuphume.
I-data ibonisa okuqwalaselweyo okanye iinyani ezingekho mxholweni, ezingenayo intsingiselo ngqo. Iziphumo zolwazi zokubekwa kumxholo onentsingiselo, kaninzi ngokohlobo lomyalezo. ULwazi yinto esinokuyikholelwa kwaye siyixabise ngokusekwe kulwazi olunentsingiselo oluqokelelweyo lwaza lwanyuswa (imiyalezo) ngamava, uqhagamshelwano okanye uphazamiso. ULwazi lunokubonwa njengento yokugcinwa kwaye okanye yokwenziwa ngobuchule kunye nanjengenkqubo yokwazi kunye nokwenza ngaxesha nye - oko kukuthi, faka ubuchule.
Yintoni uBango loLwazi?
UBango loLwazi yiseti yemithetho ekukholelwa ukuba iyinyani okungenani kumntu omnye, ngokohlobo lomyalezo onolwazi olwaneleyo olwenzelwe omnye umntu ukuba aluqonde kwaye asebenze ngalo. Enye indlela esetyenziswayo kumele ukuba isetyenziswe ukwenza ukuba ibango lolwazi lube semthethweni phambi kokuba lwamkelwe njengolwazi.
Ingaba ubulunga bolwazi bungalinganiswa?
Ewe, ngokuba nako kwabo ukunceda umbutho okanye umntu oyedwa ukuba aphumeze iinjongo zakhe ngokusebenzayo.
I-portal yoLawulo loLwazi isekiwe ukuze inike umjelo woqhagamshelwano wentsebenziswano. Oku kuyakusebenza njengesibonelelo soLawulo loLwazi, inikwe ulwazi malunga noLawulo loLwazi kwaye isebenze njengomjelo kuwe ukuba ufake isandla kwingxoxo yoLawulo loLwazi eMzantsi Afrika.
